1 Chronicles 19:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza baziqeshela inqwelwana zamawaka angama‐shumi matatu anamabini, nokumkani we‐Mahaka nabantu bake, abezayo bati waca pambi kwe‐Medeba: kanjalo usapo luka‐Hamoni lwazihlanganisa luvela ezixekweni zalo, lweza ukulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMaga nabantu bakhe; abo bezayo bamisa ngaseMedebha. Bahlanganisana oonyana baka-Amon emizini yabo, beza kulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baqesha amashumi amathathu anambini amawaka eenqwelo namajoni azo, kwakunye nokumkani waseMaka nomkhosi wakhe. Ke yena waza wafika wamisa ngaseMedeba; abe ke wona ama-Amon ecombuluka ephuma kuzo zonke iidolophu zawo, exhobele imfazwe.