1 Chronicles 2:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati yena wasusa i‐Geshure ne‐Arame, kunye nemizi ka‐Yahire, kwa kubo, kunye ne‐Kenate namagxamesi ayo, izixeko ezimashumi matandatu. Zonke ezi zibe zizez onyana baka‐Makire uyise ka‐Gileyadi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha kubo iGeshuri, nama-Aram, nemizi kaYahire, neKenati namagxamesi ayo: izixeko ezimashumi mathandathu. Bonke aba yayingoonyana bakaMagire, uyise kaGiliyadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uGeshuri noAram bathimba iHavoti-yayire kunye neKenati namaphandle azo, iilali ezingamashumi amathandathu zizonke. Bonke aba bantu babeyinzala kaMakire uyise kaGiliyadi.