1 Chronicles 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ONYANA baka‐Juda: ngu‐Here, no‐Onane, no‐Shela: aba batatu bamzalelwa yintombi ka‐Shuha, um‐Kananekazi. Kekaloku u‐Here, owamazibulo ka‐Juda, ebekohlakele emehlweni kayehova; waza wambubisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaYuda nguAsheri; kunye no-Onan noShela; bathathu kwabazalelwa uShuwa, intombi yomKanan. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ube enobubi emehlweni kaYehova; wambulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakaJuda nguEre, no-Onan, noShela, oonyana abathathu abazelwe ngumKananakazi uBhashuwa. Ke uEre, amazibulo kaJuda, zange amkholise *uNdikhoyo, waza wambulala.