1 Chronicles 20:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWABEKUTE ekutwaseni kwomnyaka, ngexesha lokupuma kwabo okumkani, wandula u‐Jowabi wapuma nempi yokulwa, watshabalalisa ilizwe losapo luka‐Hamoni, weza wavingcela i‐Raba. Kodwa u‐Davide wasala e‐Yerusaleme. Waza u‐Jowabi wabeta i‐Raba, wayicita.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani, uYowabhi wayeyiphethe impi ephuma umkhosi; walonakalisa ilizwe loonyana baka-Amon, wafika wayingqinga iRabha. UDavide yena wahlala eYerusalem. UYowabhi ke wayichitha iRabha, wayitshabalalisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakudlula umnyaka, ngexesha lokulwa kookumkani, uYowabhi wakhokela umkhosi onamandla, walenza laphanzisa ilizwe loonyana baka-Amon, wayingqinga iRabha. Ke uDavide wayehleli eYerusalem. uYowabhi wayoyisa iRabha, wayitshabalalisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uJowabhi waphuma nawo umkhosi wakowabo ngexesha lentlakohlaza, ithuba abadla ngokulwa iimfazwe ngalo ookumkani. Walibhuqa walivuthulula elama-Amon, waza waya kungqinga iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem. NeRabha leyo wayihlasela uJowabhi, wayishiya ingamabhodlo.