1 Chronicles 20:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide wasusa isitsaba sokumkani walo entlokweni yake, wasifumana siyitalente yegolide ukuba nzima kwaso, sinamatye anqabileyo kuso; saye sibekwa pezu kwentloko ka‐Davide: namaxoba esixeko wawapumisa ngento eninzi kakulu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe, wasifumana siyitalente yegolide ubunzima baso, sinamatye anqabileyo; sabekwa entlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi amaninzi kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wasithabatha isithsaba sikakumkani wabo entlokweni yakhe waza wafumana ubunzima baso bebuyitalente yegolide, sinamatye anqabileyo; yabekwa entlokweni kaDavide, wathabatha amaxhoba amaninzi aloo mzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon. Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. UDavide wasithweswa eso sithsaba. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko,