1 Chronicles 20:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nabantu abebekuso wabapumisa, wabasika ngesaṙa, nangezibulo zesincete, nangamazembe: wenje njalo ke u‐Davide kuzo zonke izixeko zosapo luka‐Hamoni. Waza u‐Davide wabuyela e‐Yerusaleme, nabo bonke abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abantu ababekhona wabarhola, wabasika ngeesarha, nangezisizilo zesinyithi, nangeempahla ezibukhali zesinyithi.Wenjenjalo uDavide kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuya ke uDavide nabantu bonke, waya eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawakhupha amadoda awayekuyo, wawasika ngeesarha, nangeemela zesinyithi, nangeempahla ezibukhali zesinyithi; Wenjenjalo uDavide kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Emva koko uDavide nabantu bonke babuyela eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda. Wenjenjalo ke uDavide nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.