1 Chronicles 20:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute emveni kwoko, kwesuka ukulwa e‐Gezere ngakuwo ama‐Filistiya: okuya u‐Sibekai, um‐Husha, wambulala u‐Sipai, owenzalo ka‐Rafa; aza atotyiswa ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emva koko, kwaliwa namaFilisti eGezere; wesuka uSibhekayi umHusha wambulala uSipayi, obe engowoonyana bakaRafa; oyiswa ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwemfazwe wawasukela amaFilisti eGezere; Ngelo xesha uSibhegayi kaHuse wambulala uSipayi, omnye woonyana bamaRafa, bazithoba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekuhambeni kwethuba amaSirayeli alwa namaFilistiya eGezere. Ngelo thuba ke uSibhekayi umHusha wabulala uSipayi ongomnye wenzala kaRafa; aza ke amaFilistiya oyiswa.