1 Chronicles 20:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabuya kwabako ukulwa nama‐Filistiya: waza u‐Lehanane, unyana ka‐Yahire, wambulala u‐Lami umzalwana ka‐Goliyate um‐Gate, oluti lwentshuntshe belunjengomti wabaluki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabuya ke kwabakho ukulwa namaFilisti; uElihanan, unyana kaYayiro, wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, ontshuntshe yakhe ibinganjengentshuntshe yabaluki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwelinye idabi namaFilistiya uEl-hanani, unyana kaJayire, wabulala uLami owayengumntakwabo-Goliyati umGati, lowa wayenomkhonto ongangesibonda.