1 Chronicles 20:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni ibigxeka o‐Sirayeli, wandula u‐Jonatane, unyana ka‐Shimeha umzalwana ka‐Davide, wayibulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, ekulweni kwakhe noonyana bakaSirayeli, wambulala uYonatan unyana kaShimeha, umkhuluwa kaDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi esahlekisa ngamaSirayeli wasuka wabulalwa nguJonatan unyana kaShimeya umntakwabo-Davide.