1 Chronicles 21:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati ku‐Gadi: Ndixakekile kakulu; makendiwe esandleni sikayehova, ngokuba izibele zake zininzi kakulu; mandingawi esandleni sabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisiwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe;mandingaweli esandleni somntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuGadi, Ndibandezelekile; mandiwele esandleni sikaYehova; ngokuba zininzi iinceba zakhe, kodwa mandingaweli ezandleni zabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide waphendula wathi kuGadi: “Ndisengxakini enkulu. Kodwa ke kubhetele ndiwele ezandleni zikaNdikhoyo, kuba inkulu inceba yakhe. Ewe, andikunqweneli ukuwela ezandleni zabantu.”