1 Chronicles 21:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye utixo wasusa ingelosi ukuya e‐Yerusaleme ukuba iyitshabalalise: kekaloku nxa ibisatshabalalisa yona, wakangela uyehova, waba nosizi pezu kwobubi obo, wati kuyo ingelosi ebitshabalalisa: Kwanele: yekisa kaloku isandla sako. Yati ingelosi kayehova yema ngasesibayeni sokubula sika‐Orenane um‐Yebusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandeni sikaOrnan umYebhusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wakubona oko uYehova, wasikwa yimfesane ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, bamba isandla sakho. Ingelosi kaYehova yayimi etroneni kaOrnan umYebhusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo wathumela isithunywa sakhe ukuze sitshabalalise iJerusalem, kodwa ke sithe sisawenza loo msebenzi, uNdikhoyo wathi akuyibona loo ntlekele suka wazijika iimbono zakhe, wasinqanda ukuze singabatshabalalisi abantu, wathi: “Kwanele, sirhoxise isandla sakho!” Oku kwenzeke xa kanye isithunywa eso sasimi ngasesandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.