1 Chronicles 21:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Davide kutixo: Asi ndim na owati makubalwe abantu? ndim onguye owonileyo nowenzi̔leyo ngokukohlakeleyo kakulu; kodwa igusha ezi, yinto nina ziyenzileyo? Yehova, Tixo wam! isandla sako makesibe ngakum, nangakuyo indlu kabawo, singabi ngakubo abantu bako sibe sisibulalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenze ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singabi kubantu bakho, ukuba babulawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? ndonile, ndonile, ndonile; kodwa ezi zimvu zenze ntoni na? Yehova, Thixo wam, isandla sakho masibe phezu kwam, nendlu kabawo; kungabi phakathi kwabantu bakho, ukuze batshatyalaliswe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi kuThixo: “Indim nje othe makabalwe amadoda omkhosi! Ewe kaloku, ndim owonileyo ndenza okugwenxa. Aba bantu bona banjengeegusha; akukho nto bayenzileyo. Hayi, Ndikhoyo, Thixo wam, isandla sakho masohlwaye mna kunye nomzi kabawo; ke yena lo bhubhani sukumyeka abatshabalalise abantu bakho.”