1 Chronicles 21:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Orenane ku‐Davide: Yitabatele kuwe, ize yenze inkosi yam ukumkani okulungileyo emehlweni ayo: kangela, ndiyanika inkabi zibe ngamadini okutshiswa, nenqwelwana zokubula zibe zinkuni, nenqolowa ibe ngumnikelo wokutya; konke ndiyakunika.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla;ndikunika konke oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; Yabonani, ndininika iinkomo zibe ngamadini anyukayo, namakhiwane abe ziinkuni, nengqolowa ibe ngumnikelo wokudla; Ndinikela ngako konke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uAravena kuDavide: “Kulungile, ungawufumana. Inkosi yam ukumkani mayenze ngokubona kwayo; mna ke ndiza kunikela ngeenkabi zeenkomo zokwenza amadini atshiswayo, izileyi zokubhula zoba ziinkuni. Ndonikela nangengqolowa yokwenza umnikelo weenkozo; zonke ezo zinto ndozikhupha.”