1 Chronicles 21:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukumkani u‐Davide wati ku‐Orenane: Hai; koko ndiya kuyitenga ngenyaniso ngemali ezalisekileyo: ngokuba ndingayi kutabatela uyehova okukokwako, ndiwanikele amadini okutshiswa angamelwanga nto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuze ngelize.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani uDavide kuOrnan: “Hayi! kodwa ngokuqinisekileyo ndiya kusithenga ngexabiso elipheleleyo, ngenxa yokuba andiyi kuthabatha oko kukokwakho kuYehova, okanye ndinikele nomnikelo otshiswayo ngaphandle kwentlawulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukumkani uDavide uphendule uAravena wathi: “Ngunotshe lowo! Ndiza kulihlawula lonke ixabiso lazo. UNdikhoyo andinakumnika izinto zakho, ndingayi kwenza mnikelo nadini litshiswayo ngento endingadlekanga ngayo.”