1 Chronicles 21:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba itabanakele kayehova, owayenzayo u‐Mosesi entlango, nesibingelo sedini lokutshiswa, ngexesha elo, bezisendaweni epakamileyo e‐Gibeyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngelo xesha umnquba kaYehova awawenzayo uMoses entlango nesibingelelo somnikelo otshiswayo zazikwindawo ephakamileyo yaseGibheyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha ke isibingelelo sikaNdikhoyo esasenziwe nguMosis entlango kunye neqonga lamadini atshiswayo sasisendaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon.