1 Chronicles 21:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Jowabi: Makongeze uyehova ebantwini bake, inani elinjengokuba bengaka kube ngamaxesha alikulu! pofu, nkosi yam, kumkani! asi ngabo abazizicaka zenkosi yam bonke na? kunganina ukuba ifuna lento inkosi yam? kunganina ukuba ibenzele o‐Sirayeli ityala?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, abangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYowabhi, uYehova makabandise abantu bakhe kalikhulu kunabo bangabo; kodwa, nkosi yam kumkani, bonke aba asingabakhonzi benkosi yam na? iyifunelani lento nkosi yam? Kutheni ilityala likaSirayeli nje?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uJowabhi wathi: “Ngamana *uNdikhoyo wabandisa kalikhulu abantu bakhe. Mhlekazi kumkani, asingobakho bonke na aba bantu? Ngani ke, mhlekazi, ukuba ufune ukwenza into enje? Ngani ukuba umhlekazi azisele uSirayeli ityala?”