1 Chronicles 21:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wakohlwa u‐Davide ukuya pambi kwayo, ukuze afune utixo; ngokuba ebenokwoyika ngenxa yeṙele lengelosi kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uDavide akazange akwazi ukumkhokelela ekubeni abuze kuThixo, kuba wayesoyika ikrele lengelosi kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uDavide akayanga kubuzisa khona kuThixo, kuba kaloku wayesoyika ikrele lesithunywa sikaNdikhoyo.