1 Chronicles 21:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa o‐Levi no‐Benjamine akababala pakati kwabo: ngokuba ilizwi lokumkani belitiyeka ku‐Jowabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo;ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akababalelanga uLevi noBhenjamin phakathi kwabo, ngokuba ilizwi lokumkani lalisikizi kuYowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uJowabhi akambalanga uLevi noBhenjamin, kuba kaloku umyalelo kakumkani wawulumeza kuye.