1 Chronicles 21:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Davide kutixo: Ndonile kakulu, ukuba ndiyenzile lento; kodwa kaloku, zukwelelise inkohlakalo yesicaka sako, ngokuba ndenzile ngobudenge kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ubudenge obukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; ke ngoko bususe ububi bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze izinto ezininzi zobudenge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi kuThixo: “Ewe, ndenze into embi gqitha ngesi senzo. Ngoko ke ndiyakubongoza bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”