1 Chronicles 22:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nguye oya kwakela igama lam indlu; yena woba ngunyana kum, nam ndoba nguyise kuye; ndandiya kuqinisa iterone yobukumkani bake pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguye ke oya kulakhela igama lam indlu; yena uya kuba ngunyana wam, mna ndibe nguyise kuye; yaye ndiya kusimisa isihlalo sobukumkani bakhe kwaSirayeli ukusa kwixesha elingenammiselo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam. Yena uya kuba ngunyana wam, mna ndibe nguYise. Ewe, mna ndiya kusizinzisa isihlalo sombuso wakhe phezu koSirayeli kude kube ngunaphakade.’