1 Chronicles 22:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko uya kutamsanqeleka, nxa ulumkela ukwenza izimiselo nezigwebo, owati uyehova wamyalela u‐Mosesi ngazo pezu kwo‐Sirayeli: yomelela, ukalipe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuphumelela apho, ukuba uthe wakugcina ukuyenza imithetho namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela, ukhaliphe; musani ukoyika, musani ukoyika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!