1 Chronicles 22:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ebunzimeni bam, ndilungisele indlu kayehova italente zegolide ezingamawaka alikulu, netalente zesilivere ezingamawaka aliwaka; nexina nesincete ngento engenakulinganiswa, ngokuba zizonke ezonto: ndilungisile nemiti namatye; ungati wena wongezelele kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide, nesigidi esinye seetalente zesilivere, nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungise nemithi namatye; nawe ungongeza kwezozinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabona, ekubandezelekeni kwam ndiyilungisele indlu kaYehova ikhulu lamawaka eetalente zegolide, newaka leetalente zesilivere; nobhedu nesinyithi, abungenakulinganiswa nanto; ngokuba izele; Kananjalo ndalungisa imithi namatye; kwaye ungayongeza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Amalungiselelo ndiwenze ngenyameko, ndilungiselela ukwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo. Ndiqokelele iitoni zegolide ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye neetoni zesiliva ezingaphezu kwamashumi amathathu anesine amawaka, ukuze kwakhiwe indlu leyo, kwakunye nentaphane yobhedu, kunye nentsimbi ebunzima bungenamlinganiselo, ngokunjalo nemithi namatye. Nawe ke ungazongeza ezo zinto.