1 Chronicles 22:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova, utixo wenu, akanani na? akanipumzanga ngamacala onke na? ngokuba abemi belizwe ebanikile esandleni sam; kanjalo ilizwe loyisiwe pambi kwoyehova, napambi kwabantu bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akanani yini na uYehova uThixo wenu, waniphumza ngeenxa zonke? Ngokuba wabanikela esandleni sam abemi belizwe eli;loyiswa ilizwe eli phambi koYehova, naphambi kwabantu bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akanani na uYehova uThixo wenu? Akaniphumzanga na? ngokuba abemi behlabathi nibasandleni sam; yaye ilizwe loyiswa phambi koYehova naphambi kwabantu bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kuzo: “Andithi na kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unani? Ewe kambe, unithe jize ngenzolo ngeenxa zonke! Kaloku uzinikele esandleni sam zonke iintlanga ezingabemi beli lizwe. Eli lizwe ke ngoko lelikaNdikhoyo nabantu bakhe.