1 Chronicles 22:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaloku bekisani intliziyo yenu nompefumlo wenu ukumfuna uyehova, utixo wenu, nize nisuke, niyake indawo eyingcwele kayehova ongutixo, kuze kuziswe ityeya yocebano lukayehova, nempahla ezingcwele zikatixo, kulondlu eya kwakelwa igama likayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku zimiseleni ukumquqela uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu nangomphefumlo wenu; yimani niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ukuba iziswe ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezikhethekileyo zikaThixo, endlwini eya kwakhelwa igama likaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke zinikezeleni ngomxhelo wenu wonke kuNdikhoyo uThixo wenu. Qalisani ukuyakha indlu kaNdikhoyo uThixo, ukuze nibe nako ukuyingenisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo kunye nezinto ezingcwele zikaThixo, zonke nizifake kuloo ndlu iza kwakhelwa igama likaNdikhoyo.”