1 Chronicles 22:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU waxela u‐Davide ukuba kuhlanganiswe bonke abasemzini abaselizweni lakwa‐Sirayeli; waza wamisa ababazi ukuba babaze amatye aqandulweyo, kuze kwakiwe indlu katixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide mabahlanganiswe abasemzini, abasezweni lakwaSirayeli; waqesha abaqingqi bamatye, ukuba bakrole amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uDavide wayalela ukuba kuqokelelwe bonke abasemzini abemi apho kwaSirayeli, waza ke apho kubo wakhetha abangabaqingqi bamatye, ukuze bakrole amatye okwakha indlu kaThixo.