1 Chronicles 22:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Davide: u‐Solomone unyana wam ungumfana, utambile; kanti indlu eya kwakelwa uyehova iya kwenziwa nkulu ngento egqitiseleyo, ibe nodumo nobungcwalisa kuwo onke amazwe; ndiya kumlungisela ke. Kwa njalo u‐Davide walungisa ngento eninzi engekafi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele.Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke wathi uDavide: “uSolomon unyana wam mncinane yaye usemtsha, yaye indlu eza kwakhelwa uYehova ifanele ibe yeyeyona inkulu, idumileyo nezukileyo kuwo onke amazwe; Ngoko uDavide walungiselela okuninzi ngaphambi kokufa kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi: “Umfana wam uSolomon usemncinci, engekabi nawo namava, ibe ke yona le ndlu *kaNdikhoyo eza kwakhiwa kufuneka ibe lipomakazi eliyimbalasane, uduma-kude ngobunewu-newu nakuzo zonke izizwe. Ngoko ke ndiza kuwenza amalungiselelo okwakhiwa kwayo.” Ewe, uDavide wawenza ngokubanzi amalungiselelo lawo kwangaphambi kokusweleka kwakhe.