1 Chronicles 22:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ilizwi likayehova leza kum, lisiti: Igazi ulipalazile ngokuninzi, nemfazwe ezinkulu uzenzile; akuyi kwakela igama lam indlu, ngokuba igazi elininzi ulipalazile emhlabeni ebusweni bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi elininzi, ulwe iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwamehlo am.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke kwafika ilizwi likaNdikhoyo kum, lisithi: ‘Wena uliphalaze gqitha igazi; ulwe iimfazwe ezininzi gqitha. Ngoko ke asinguwe oya kulakhela indlu igama lam, kuba wena uphalaze igazi elininzi gqitha emhlabeni phambi kwam.