1 Chronicles 22:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, uya kuzalelwa unyana, oya kuba yindoda yokupumla; ndandiya kumnika ukupumla kuzo zonke intshaba zake ezingqongayo: ngokuba igama lake liya kuba ngu‐Solomone, ndandiya kunika uxolo nokwonwaba ko‐Sirayeli emihleni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo;ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; yaye ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ezimjikelezileyo, ngenxa yokuba igama lakhe liya kuba nguSolomon, yaye ndiya kumnika uSirayeli uxolo nokuphumla ngemihla yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uza kuba nonyana oya kuba yindoda yoxolo nenzolo; mna ndiya kumthi jize ngenzolo, ndimphumze macal' onke ezintshabeni zakhe. Igama lakhe liya kuba nguSolomon, ibe ke uSirayeli ndiya kumthi jize ngoxolo nenzolo ngexesha lombuso wakhe.