1 Chronicles 23:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Onyana baka‐Eliyezeri bebe ngaba: u‐Rehabiya ebengoyintloko. Wayengenabanye onyana u‐Eleyezeri; kodwa onyana baka‐Rehabiya baba baninzi kunene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. uEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi kunene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkulu yoonyana bakaElizere nguRehabhiya. UElizere akazalanga wumbi unyana ngaphandle koRehabhiya, kodwa uRehabhiya wazala oonyana abaninzi gqitha.