1 Chronicles 23:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wafa u‐Elezari, obengenabo onyana, wanazo intombi kupela; baza onyana baka‐Kishe, abazalwana bazo, bazizeka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; bababamba abazalwana babo, oonyana bakaKishe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UElazare wafa engenanyana, eneentombi zodwa, zaza zathathwa ngamawabo oonyana bakaKishe.