1 Chronicles 23:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bangonyana baka‐Levi, ngendlu zoyise zabo; abazintloko zendlu zoyise, ngokubalwa kwabo enanini lamagama ngabanye ngabanye, abawenzayo umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova, beyiminyaka imashumi mabini napezulu ubudala babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwayo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise; neentloko zezindlu zooyise ngenani lamagama, ngokwamagama abo, besenza inkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezi ke yayizizizukulwana zikaLevi ngokwezindlu zazo – iinkulu zezindlu ngokwamagama okubhaliswa kwazo zibalwa ngazinye, abasebenzi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, abo babelungiselela endlwini kaNdikhoyo.