1 Chronicles 23:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngawokupela amazwi ka‐Davide bebebalwa aba‐Levi, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, babalwa oonyana bakaLevi, abathabathele kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, abaLevi babalwa, kwathabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokwalo myalelo kaDavide ke abaLevi babalwa kuqalelwa kwabo baneminyaka emashumi mabini nangaphezulu.