1 Chronicles 23:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba indawo yokuma yabo ibingasesandleni sonyana baka‐Arone enkonzweni yendlu kayehova, babe pezu kwawo amabala, napezu kwazo inkambili, napezu kwokuhlanjululwa kwezinto zonke ezingcwele, nomsebenzi wenkonzo yayo indlu katixo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ukuma kwabo kwaba ngasesandleni soonyana baka-Aron, enkonzweni yendlu kaYehova ezintendelezweni, nasemagumbini, nasekuhlanjululweni kwezinto zonke ezingcwele, nasemsebenzini wenkonzo yendlu kaThixo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umsebenzi wabo yayikukukhonza oonyana baka-Aron enkonzweni yendlu kaYehova, ezintendelezweni nasemagumbini okudlela, nokuhlambulula zonke izinto ezingcwele nomsebenzi wenkonzo yendlu kaThixo oyinyaniso:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umsebenzi wabaLevi aba ke yayikukunceda inzala ka-Aron kumsebenzi wendlu kaNdikhoyo: ukujonga iinkundla namagumbi azo, ukuhlanjululwa kwezinto ezingcwele, nokujongana nayo yonke eminye imisebenzi yendlu kaThixo.