1 Chronicles 24:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wafa kodwa u‐Nadabi, no‐Abihu, ngapambili kuyise wabo; baye bengenabo abantwana: ngako u‐Elezari no‐Yitamare bakonza ngobuperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; baba ngababingeleli ooElazare noItamare.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; ngoko ke, uElazare noItamare babengababingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yena uNadabhi noAbhihu basweleka bengenanyana kwangaphambi kokusweleka kukayise. Ngoko ke ababingeleli yaba nguEliyazare noItamare.