1 Chronicles 24:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bahlulwa ngamaqashiso, aba kunye nabaya: ngokuba abapati beyingcwele indawo, nabapati bendlu katixo, bebengabonyana baka‐Elezari nabonyana baka‐Yitamare.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abathetheli bengcwele, nabaphathi bendlu kaThixo, yayikoonyana bakaElazare, nakoonyana bakaItamare.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.