1 Chronicles 25:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Elokuqala iqashiso lapumela ku‐Safa, ku‐Josefe: elesibini ku‐Gedaliya; yena, nabazalwana bake, nonyana bake, bebelishumi elinesibini:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini;iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iqashiso lokuqala laphuma noAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nazi iziphumo zamaqashiso malunga nokulandelelana kwamathuba okusebenza kwamaqela: elokuqala: elikaJosefu umAsafu, elesibini: elikaGedaliya,