1 Chronicles 26:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
No‐Hosa, owakubo onyana baka‐Merari, ebenabo onyana: ngu‐Shimri oyintloko; (nakuba ebengenguye owamazibulo, uyise wammisela noko ukuba abe ngoyintloko;)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHosa, omnye koonyana bakaMerari, ubenoonyana; WayenguZimri, intloko, (ngokuba wayengengowamazibulo, nguyise wamenza ukumkani);
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
KumaMerari yayinguHosa noonyana bakhe abane: uShimri, noHilekiya, noTebhaliya, noZekariya. UShimri wamiselwa ubukhulu nguyise nakuba wayengelozibulo. Kwinzala nezizalwane zikaHosa abagcini-masango kwindlu kaThixo babelishumi elinantathu.