1 Chronicles 26:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lati iqashiso lasempumalanga lawa ku‐Shelemiya. Kanjalo u‐Zekariya unyana wake, umcebisi olumkileyo, bamwisela amaqashiso; laza lapuma iqashiso lake ngasenode.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iqashiso lasempumalanga laphuma noSelemiya; Bamwisela amaqashiso uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo; laphuma iqashiso lakhe langasentla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iqashiso lokugada isango elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Unyana wakhe uZekariya, owayedume ngamacebo, naye wenzelwa *amaqashiso, laphuma kwelokuba agade isango langasentla.