1 Chronicles 26:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo konke wakwenza ngcwele u‐Samyali umboni, no‐Saule unyana ka‐Kishe, no‐Abenere unyana ka‐Nere, no‐Jowabi unyana ka‐Tseruya; konke okube kwenziwe ngcwele, bekupantsi kwesandla sika‐Shelomiti nabazalwana bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nazo zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya; wonk’ ubani owayengcwalisa enye into wayephantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke into eyayinikelwe *ngumshumayeli uSamweli, nokumkani uSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noJowabhi unyana kaZeruya, nayiphi na enye into eyayinikelwe, yayisesandleni sikaShelomiti nezizalwane zakhe.