1 Chronicles 26:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakati kwama‐Hebrone u‐Jeriya ebengoyintloko; (kekaloku ama‐Hebrone, ngezizukulwana zawo, ng endlu zoyise, ngomnyaka wamashumi mane wobukumkani buka‐Davide, afunwa ke, kwaza kwafunyanwa pakati kwawo, amaṙoti akalipileyo e‐Yahezere yase‐Gileyadi;)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omane wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukorti eYazere yaseGiliyadi).
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
KumaHebhere nguYeriya, intloko yamaHebhere ngokweenzala zooyise. Ngomnyaka wamashumi omane wobukumkani bukaDavide bafunwa, kwafunyanwa kubo amagorha eYazere yaseGiliyadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkulu yamaHebron yayinguJeriya. Ngonyaka wamashumi amane elawula uDavide yaphandwa inzala kaHebron, kwafunyanwa amaHebron angamagorha eYozere kummandla waseGiliyadi.