1 Chronicles 26:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
No‐Shemaya unyana wake bekumzalelwe onyana, abebenobukosi kwindlu yoyise wabo, ngokuba bebengamaṙoti akalipileyo bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uShemaya unyana wakhe naye wazala oonyana abalawula indlu kayise iphela, kuba babengamagorha anobukroti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti.