1 Chronicles 26:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bonke bebengabakubo onyana baka‐Obedi‐edome; bona, nonyana babo, nabazalwana babo, amadoda akalipileyo enamandla enkonzweni; bebengamashumi matandatu anesibini abaka‐Obedi‐edome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke aba yayingoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo nabazalwana babo, amadoda anamandla asebenza enkonzweni, ababengamashumi amathandathu anesibini kuObhedi-edom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.