1 Chronicles 27:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa inani labo abaminyaka imashumi mabini nangapantsi ubudala babo, akalibala u‐Davide: ngokuba ebete uyehova uya kwandisa o‐Sirayeli babe njengenkwenkwezi zezulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uDavide akazange alibale inani labaneminyaka engamashumi amabini ubudala nangaphantsi, kuba uYehova wayethe uya kubandisa oonyana bakaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uDavide zange ababale abafana abaminyaka imashumi mabini nangaphantsi, kuba uNdikhoyo wayethembise ukuwandisa amaSirayeli abe ngangeenkwenkwezi esibhakabhakeni.