1 Chronicles 27:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Jowabi unyana ka‐Tseruya waqala ukubala, kodwa akagqiba, ngokuba ngenxa yoku bekuko umsindo pezu kwo‐Sirayeli: ngako inani elo belingabekwa embalisweni yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani u‐Davide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba;afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; alangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowabhi unyana kaTseruya waqala ukubala, akagqiba, ngokuba umsindo waya koonyana bakaSirayeli ngenxa yabo; yaye elo nani alibhalwanga encwadini yembali yokumkani uDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phofu uJowabhi unyana kaZeruya walinga ukuwabala, kodwa zange agqibe. Ingqumbo kaThixo yawahlela amaSirayeli ngenxa yolu balo, kwaza kwayekwa amanani engekabhalwa engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.