1 Chronicles 28:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA u‐Davide wazihlanganisela e‐Yerusaleme zonke inkosi zakwa‐Sirayeli, inkosi zezizwe, nenkosi zezahlulo ezamkonzayo ukumkani, nenkosi zamawaka, nenkosi zamakulu, nabapati pezu kwayo yonke impahla nemfuyo yokumkani neyonyana bake, kunye nababusi, namagoṙa, nawo onke amadoda akalipileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wababizela ndawonye bonke abathetheli bamaSirayeli, abathetheli bezizwe nabathetheli bamaqela ngamaqela abalungiselela ukumkani nabathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu, namagosa empahla yonke, nabemfuyo yokumkani neyoonyana bakhe, kunye nababusi namagorha, nento yonke eligorha elinobukroti, ukuba beze eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wabamisa zonke iinkosana zakwaSirayeli, iinkosana zezizwe, nabathetheli bamaqela omkhosi olungiselela ukumkani, nabathetheli bamawaka, nabathetheli-makhulu, nabagcini bempahla yonke yokumkani, nobuncwane bakhe, neempahla zokumkani ubutyebi koonyana bakhe, nabathetheli, namagorha, namagorha onke, besa eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wawabiza onke amagosa akwaSirayeli ukuze aze kuhlangana eJerusalem: iinkokheli zezindlu, neenkokheli zamabakala ngamabakala kwabasebenza komkhulu, neengqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka kunye nalikhulu, namagosa ajongene nemihlaba nemfuyo (zinto ezo izezikakumkani noonyana bakhe), ndawonye namaphakathi asebhotwe, amagorha namatsha-ntliziyo amajoni.