1 Chronicles 28:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku konke, watsho u‐Davide, u ndi qondisile ngesiba̔lo sivela esandleni sikayehova pezu kwam, kwa yonke imisebenzi yalomfanekiselo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yonke loo nto, watsho uDavide, yonke imisebenzi yokulinganisa undiqondisile ngokubhala okuvela esandleni sikaYehova, seza phezu kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zonke ezi zinto, watsho uDavide, uYehova wandityhilela ngokubhaliweyo, ngesandla sakhe esiphezu kwam, yonke imisebenzi yalo mzekeliso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi: “Yonke le nto ke ibhaliwe, kuba kaloku isandla sikaNdikhoyo sasiphezu kwam, wandinika ukuqiqa nokubuqonda bonke ubucukubhede.”