1 Chronicles 28:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide ukumkani wapakama pezu kwenyawo zake, wati: Ndipulapuleni, bazalwana bam, nabantu bam! Mna bekusentliziyweni yam ukwakela ityeya yocebano lukayehova, nesitulo senyawo zotixo wetu, indlu yokupumla, ndaye ndise ndilungisele ukwaka;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi:Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphakama ukumkani uDavide, wathi: “Ndiphulaphuleni, bazalwana bam nani bantu bam! isihlalo seenyawo zoThixo wethu, silungiselwe ukwakha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uDavide waphakama, waza wathi: “Khanindiphulaphule, mawethu, nani bantu bam. Ndandizimisele ukwakha indlu ukuze ibe yindawo ephumla kuyo ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo, esisihlalo seenyawo zoThixo wethu. Ndiwenzile ke amalungiselelo,