1 Chronicles 28:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Davide kanjalo ku‐Solomone unyana wake: Yomelela, ukalipe, wenze ke; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa: ngokuba uyehova ongutixo, utixo wam, enawe; akayi kukuncama, akayi kukushiya, ude ugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela, ukhaliphe, wenze musa ukoyika, musa ukoyika, ngokuba uYehova, uYehova, uThixo wam, unawe; akayi kuyishiya, akayi kubuya umva, ade awugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide ke uqhube wathi kunyana wakhe uSolomon: “Yomelela ukhaliphe, uwenze lo msebenzi. Uze ungakhe ube nayo idyudyu, utyhafe; kaloku uNdikhoyo uThixo onguThixo wam ungakuwe. Akasokuze akuyekele, okanye akulahle, ude ube uphumelele wonke lo msebenzi wokwakhiwa kwendlu yakhe.