1 Chronicles 28:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, kuko izahlulo zabaperisite nezaba‐Levi, ngenxa yayo yonke inkonzo yendlu katixo; nakunye nawe, kuyo yonke imisebenzi, kuko bonke abalungile ngobulumko, ngenxa yentlobo zonke zenkonzo: kanjako inkosi nabo bonke abantu bopulapula onke amazwi ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke;nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, amaqela ababingeleli nabaLevi aba nawe kuyo yonke inkonzo yendlu yoThixo oyinyaniso; abathetheli nabantu bonke baya kuthobela wena ngokugqibeleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izigaba zababingeleli nabaLevi seziwulungele wonke umsebenzi wendlu kaThixo, yaye ke yonke indoda ezimiseleyo kulawo anobuchule nakuyiphi na inkalo iya kusebenzisana nawe kuwo wonke umsebenzi. Onke amagosa nabantu ngokunjalo baya kuwuthobela nawuphi na umyalelo wakho.”