1 Chronicles 28:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko, uyehova, utixo wo‐Sirayeli, wandinyula kuyo yonke indlu kabawo, ukuba ndibe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade: ngokuba ebenyule u‐Juda abe yinkosi; napakati kwendlu ka‐Juda, wanyula indlu kabawo; napakati kwonyana bakabawo, wanditanda mna ukuba andenze ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade;ngokuba unyule uYuda ukuba abe yinganga, endlwini kaYuda unyule indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwe ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uYehova, uThixo kaSirayeli, unyule mna phezu kwendlu yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani wakwaSirayeli kude kuse ephakadeni, ngokuba wamnyula uYuda; nakwindlu kaYuda, kwindlu kabawo; yaye wayebathanda oonyana bakabawo kangangokuba ndazenza ukumkani kuSirayeli wonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli unyule mna kwindlu kabawo, ukuze ndilawule ngonaphakade kwaSirayeli. Wanyula uJuda ukuba abe yinkokheli, waza ke kwindlu kaJuda wanyula umzi kabawo; koonyana bakabawo ke wabona kufanelekile ukuba andenze ukumkani kwaSirayeli.